IIPROJEKTHI EZILUNGISELELWE UKUFIKELELA EBANTWINI
INAFVSA inecandelo lokufikelela kuluntu elenza ukuba izinto zifumaneke kulo lonke uluntu loMzantsi Afrika ngakumbi abemi ababe sakungabinamathuba. Ukuqhubeleni phambili ubudlelwane/ ubuqabane namanye amaziko ekusebenzeni ngezakhelo zokubonisa umabina-kude, iyazama ukufikelela kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.
Indawo yeSizwe, yokugcina iFilimu, ivideyo neSandi ibandakanyeka kwiqela leeprojekthi. Amaziko emfundo ayamenywa ukuza kubona iifilimu nokubamba iingxoxo nagasiphi isihloko abona kufaneleke ukuba asichaphazele. Oku kwenziwa ngokunxibelelana neetitshala kwanabahlohli kumaziko emfudo ephakamileyo. Eyona njongo iphambili yeCandelo lokuFikelela ku"kusa imiboniso bhanyabhanya ebantwini" apho abahlali bangazuza lutho kuyo. Oku kwenziwa ngokubambisana neminye imibutho enje ngezikolo, iindidi zoshishino ezifanelekileyo, iinkonzo, imibutho yabahlali noluntu ngokubanzi. INAFVSA ijolise uluntu lwasemaphandleni olungaziyo ukuba indawo yokugcina ifilimu yinto engantoni na kuba nabo banelungelo lokufikelela kulwazi.
INAFVSA ijonge ukusebenzisa amaZiko oLuntu obuGcisa, awayekhiwe liSebe lezobuGcisa neNkcubeko ukuzalisekisa le njongo.Iiholo zeecawe, ezezikolo kunye nezoluntu nazo ziya kusetyenziswa.
Sikhuthaza abahlali okanye naye nabani na onomdla kwilifa lembali yesizwe evakaliswa ngesandi ikwabonwa nangamehlo ukuba aqhakamshelane nathi xa benezicelo zokusebenzisa iinkonzo ze- NAFVSA.
IMBALI EBALISWA NGOMLOMO KUNYE NEPROJEKTHI YOMCULO WEMVELI
INAFVSA ikwanesebe elijongene nokugcinwa kweembali zomlomo ezirekhodiweyo, elivala izithuba ezisaleleyo kwimbali yethu. Kubanjwa udliwano-ndleba nabantu ngezihloko nemiba ebhekise kwinkcubeko, ubugcisa, imbali nokwakhiwa kwesizwe.
Ukuqokolela, ukugcina nokusasazwa koMculo weMveli kukhuliswa ngoMboniso wethu oHambayo weziXhobo zoMculo weMveli.
UKUFUMANA INKCUKACHA
IDilesi yePosi
IDilesi yeSakhiwo
Ncedani ningasi iposi kule dilesi
IFeksi: 344 5143/ 323 5287
Isebe lezobugcisa nenkcubeko
INDAWO YOKUGCINA IMBALI YEEFILIMU ZELIZWE, IIVIDEYO NEZO ZESANDI
Iuphando olwenziwa ngonyaka we-1956 lwaba neziphumo zowiso-mthetho olumisela iBhodi yeFilimu, yeSizwe ngomhla woku-1 kuEpreli yowe- 1964. Eyona njongo iphambili yeBhodi yeSizwe yeFilimu yayikukuncedisa ekukhuliseni ushishino lwefilimu. Eminye imisebenzi yayikukulanda umkhondo, ukufikelela, ukugcina nokwenza ukuba zifumaneke kubaxumi bayo, iifilimu ezasisenziwa kuMzantsi Afrika okanye ngoMzantsi Afrika. Ukwenza le misebenzi, kwaseka icandelo elalisaziwa njengeZiko leFilimu loMzantsi Afrika. Igama leli candelo lajikwa ekuhambeni kwexesha kwathiwa yiNdawo yeSizwe yokuGcina iiMbalo ezibalulekileyo.
Ngomhla wama-31 kuDecember wowe-1979 yanqunyanyiswa imisebenzi yeBhodi yeSizwe, yeFilimu. Indawo yeSizwe yokuGcina iFilimu yaba kuphela kwecandelo elasindayo laza latshintselwa kwiSebe lezeMfundo (National). Yaphela iyinxalenye yeNdawo yeSizwe, yokuGcina iiMbalo ezibalulekileyo (eyathi kamva yabizwa njenge- National Archives) ingomnyaka we-1982, kwaye ukusukela ngoko yasebenza njengendawo ekhethekileyo yokugcina iirekhodi ezinesandi nezikwabonwa ngamehlo (okanye amaxwebhu ngokwegama elisetyenziswa kuMthetho wokuGcina ezoMthetho).
INAFVSA licandelo leNdawo yeSizwe yokugcina iiMbalo ezibalulekileyo zeloMzantsi Afrika eliphantsi kweSebe lezobuGcisa neNkcubeko. Le Ndawo yokugcina iMbali yeSizwe ngefilimu, iVideyo kunye neSandi, mkuphela kweziko lesizwe olulolu hlobo kuMzantsi Afrika.
Ukuqokolela ezo zivala ngeSandi zikwaBonwa nangamehlo (ezoluntu gabalala nezo zingezizo zoluntu gabalala) nawo nawuphi na umsebenzi onxulumene noku wenziwe kuMzantsi Afrika okanye ngoMzantsi Afrika.
Ukuqinisekisa ukugcinwa okufanelekileyo kobutyebi obuvakala ngesandi bukwabonwa nangamehlo nobululufa boMzantsi Afrika.
Ukwenza ukuba ezi rekhodi zifikeleleke kubemi boMzantsi Afrika nokukhuthaza ukusetyenziswa kwazo kuMzantsi arika. Ukukhuthaza intsebenziswano phakathi kwamaziko agcine iirekhodi ezilolu hlobo.
Ukukhulisa imathiriyeli evakala ngesandi nekwabonwa ngamehlo kwanoshishino lwayo kuMzantsi Afrika.
YINTONI INDAWO YOKUGCINA IMBALI EBALULEKILEYO NGEFILIMU, IVIDEYO NESANDI?
INAFVSA liziko likarhulumente eligcina ilifa lesizwe lembali evakaliswa ngesandi ikwabonwa ngamehlo, ligcinelwa isizukulwana esizayo. Iintlobo ngeentlobo ezinje ngeefilimu, iivideyo noko kurekhodwe ngesandi nokunye okuhambelana noku kungafunyanwa kule ndawo yokuzigcina. INAFVSA kufanelwe ibonwe njengendawo yokugcina ubutyebi belifa loMzantsi Afrika bembali evakaliswa ngesandi ikwabonwa nangamehlo.
INAFVSA inegumbi lokufundela apho abaphandi bangajonga amancedo azindindi ngendidi kunye nendawo yokugcina esebenza ngekompyutha, konke oko bekwenza simahla bengahlawulanga nesenti. Ukujonga okanye ukumamela nantoni na, umntu makenze idinga kwangaphambili. Kufuneka isaziso seentsuku ezintathu ukulungiselela ukuba imathiriyeli iqhelane nemeko phambi kokuba ibe nokubukelwa okanye ibe nokumanyelwa kwisixhobo esifanele oko. Imathiriyeli kungafikelelwa kuyo nakwindawo yeNAFVSA ngexabiso elibekwa liSebe lezeMali (Treasury). Abafundi benyani bangathi ngokwenza idinga babukele okanye baphulaphule oko bakufunayo ngaphandle kwentlawulo.Kufuneka imvume ebhaliweyo yabo banamalungelo phambi kokuba nayiphi into ikotshwe.
Ngaphandle kwengqokolela yoko kuviwa ngendlebe kukwabonwa nangamehlo iNAFVSA ikwanezinye izinto ezihambelana nezi ezifana neefoto ezifakwa kumatshini eboniswa njengakwibhanyabhanya (slides), amaxwebhu amakhulu, iifoto, okubhaliweyo, izinto zasemuziyam kwanethala leencwadi elijongene nemathiriyeli yesandi ekwabonwa nangamehlol.
Ithala leencwadi eliphethe malunga nama-3000 eencwadi ezivelela imiba ngemiba yomhlaba wouzonwabisa, lisusela kwimihla yamandulo yeBhodi yeSizwe yeFilimu ekungoku nje imisiweyo nelithala leencwadi lokusingisela, ngenxa yexabiso lemiqulu emikhulu. Kodwa ke noxa kunjalo, zonke iincwadi ezikwithala zingapopolwa kwiNdawo yokugcina iMbali ngeFilimu, iVideyo neSandi, kwaye iikopi ezifotiweyo zingenziwa ngexabiso elingephi.
INAFVSA inengqokolela emalunga newaka leeposta zefilimu ezinqabileyo, ezisusela kwi-De Voortrekkers , eyona filimu indala eMzantsi Afrika. Uninzi lwezi posta luhlobo olulodwa olungxabalaze kuzo zonke iindidi zeefilimu zalapha. Eyona nto ifanele iNdawo yokugcina iMbali kukuba izikhuphele ngomatshini wombane izikhuphelela kwindawo yokugcina iinkcukacha ( database) apho zingatyhilwatyhilwayo kokdwa zingabanjwanga ngazandla.
Njengakwingqokolela yeposta, iNdawo yokugcina iiMbali ezibalulekileyo nayo inengqokolela yeefoto ezinento yokwenza nefilimu eziliqela zalapha ekhaya . Iifoto zazo zonke iifilimu eziveliswe kweli lizwe ukususela ngowe-1916 zingafunyanwa apha. INAFVSA inengqokolela emalunga ne-1200 beefilimu ezibhalwe ngesandla ezivela kwiifilimu ngeefilimu ezenziwe apha ekhaya. Inkoliso yazo zezexesha elingaphambi kokupapashwa kwaye zehluke mpela kwezo sezigqityiwe esezikwibhanyabhanya.
UKUBALULEKA KWENDAWO YOKUGCINA IIMBALO NEEMBALI EZIBALULEKILEYO NGEFILIMU, IVIDEYO NESANDI
iNAFVSA Iinomahluko kuba yenye yezimbalwa kwizwe liphela, yeNdawo yokugcina iimbalo neembali, egcina phantsi kophahla olunye imathiriyeli yefilimu, ivideyo nesandi. Kufikelela kule ngqokolela ikhethekileyo ebonisa ngamehlo imbali yoMzantsi Afrika kusoloko kwaye kuya kuhlala kuluncedo olukhulu kwizizukulwana ezizayo zoMzantsi Afrika. Banokumamela lula baze babone okwakusenzeka kwixesha langaphambili ze babe nombono wokuba luya kuba njanu ushishino lwezesandi zikwabonwa ngamehlo, kwixa elizayo.
Ngenxa yenguqu ezize ngamandla kwezobuchwepheshe,/ iteknoloji, izixhobo ezazisetyenziswa kwiminyaka engama-20 eyedlulayo zonke ziphelelwe kungoku nje; kodwa ke noxa kunjalo zinokusebenza ukunika intsusa yenkcukacha zolwazi, kwaye zinika umdla kwimbali ngokubonisa ukukhula nokuphuhla koshishino lwezevakala nesandi zikwabonwa nangamehlo.
